Ooqongqothwane Abamandla anobungozi:
ezenzululwazi zilinganisa
umfanekiso wesifafazi

by Thomas F. Heinze


Uyakhumbula uqongqothwane omkhulu owayedume ngokutyekeza ngasemva ithyefu engamanzi kwintshaba zakhe? Science News Isebe leendaba ze nzulu lwazi lisazisa ukuba loqongqothwane: “ukhuthaza iincutshe zeenjini, izixhobo zokuhambisa amachiza kunye nezixhobo zokucima umlilo liphuhlise izifafazi zochwephesho.” ... "Ingakwazisa nezixhobo ezinamandla zokufaka amafutha kwiinjini zeenqwelo mafutha. Ingakwafikisa nesizukulwana sezicima mlilo esingakukhupha umsi ocolekiyo okanye amachaphaza amakhulu. Konke oku kuyakuxhomekeka kuhlobo okanye izinga lomlilo okufuneka ucinyiwe."1  (Science News, April 5 2008)

Nantsi ingcaciso esuka kwezenzululwazi ypkuba loqongqothwane angakwenza njani konke oku: "imfihlo yamandla weliqhinga laloqongqothwane isemngxunyeni ongenayo kwakunye nophumayo kule chamber. Lomngxunya ungenayo uyavuleka ukuze kungene lamachiza anamandla, apho aye athi ke aqalise ukubila xa ethe adibana. Iye ivale ke xa sele kungene umsi owaneleyo.

Njengoba lomsi udibana kuye kwakheke ubushushu nto leyo ithi yonyusele ingcindezelo kule (mgqomo)chamber ivalekileyo. Xa lengcindezelo sele iqabele , lomngxunya uphumayo uye uvuleke lencindi inethyefu iphume ngokunyashwa okumandla kakhulu ihkupha umsi onezibi. Lenkqubo ke ibizwa ngokuba yi ‘flash evaporation’.2

Ekubeni lo msi uphumile lomngxunya uphumayo uye avaleke kuvuleke lo ungenayo, umgqomo aphinde agcwale kwakhona alungiselele ukutyekeza kwakhona obunye ubungozi." (Science News, April 5 2008)

Kutheni na abantu bekopa indalo ka Thixo ukwakha izinto zabo zokufafaza zodidi? Izinto zokufafaza ezakhiwe ngabantu azisebenzi ngendlela efanayo. Kunesizathu esibangela oko: "kaloku into ka Thixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu, nento ka Thixo engathi ayinamandla yomelele kune yabantu."  (1 Abasekorinte 1:25)

Ukhuseleko lokwakhiwa kwalo qongqothwane kunika ubungqina bobolumnku lokuhlelwa/lokucwangciswa. Kodwa ingcaphephe zithi eyona nto ihlileyo ayaziwa ncam ku vele kwenzeka nje, ngebhaqo lokutshintsha kwezinto ngempazamo engenangcaciso ebizwa ngokuba zi “mutations). Ukhetho lwezendalo kuzisusile zonke iingozi kodwa akhange luphuhlise ukusebenza kwayo. Oqongqothwane abangenalo olukhuseleko lungummangaliso abaphili nje kodwa bayabogqitha abaqongqothwane bamangalisayo benziwe ngabantu. “ukhetho lwezenalo? Vuka!

Nakoluphi na uhlelo, uphando lwalemihla lwezenzululwazi lisixelela into yokuba ingcaphephe zenzululwazi zigqibe ekubeni zikope into yofafaza yalo qongqothwane kumasebe azo kuba akekho namnye oke waphumelela ukuza nesicwangciso esiloluhlobo. Siyaqikelela ukuba aba bazama ukukope indalo ka Thixo zingcali nje ezizama ukukholelwa ekubeni esisifuthisi simandla kwabayingozi nje eyabalithamsanqa.

      Indalo izele yimizekelo yeni bono/izicwangciso Ezimangalisayo:

-- Iinyosi ezinkulu zenza imimangaliso ngokwandisa /ngokuvula iimpikwana zazo, zithwele incindi yokwenza ubusi.
-- Izinambuzane ii gecko ezinyuka ngodonga ukuyokufika ephahleni lwendlu nto leyo iye ibenzima kwezinye izinambuzane ezilingana nayo ngesithomo.
-- Iimbovane ezithwala umthwalo onzima ngokuphinda phindwe ukuyokufikelela kumashumi amhlanu (50) kwisiqu sazo.
-- Iintaka eziluhlobo lwe hummingbird ezibetha iimpiko zazi ukusukela kwizihlandlo eziyi 40 ukuyokufika ku 200 ngomzuzwana nje.

Ukuhlelwa/ukucwangciswa kukho zwe lonke, enyanisweni uThixo wahlela eyona ndlela ilula kwaye isebenzayo yokusindisa ubomi esonweni, wathumela unyana wakhe uYesu owathwala izono zethu sonke emnqamlezweni ngelixa wayebethelelwa. Ityala lihlawuliwe ngokupheleleyo kwaye abanintsi bayazuza ngokusindiswa esoneni, nawe usenako ukuhlangulwa. Yamnkela ukuba ityala nelakho ityala lahlawulwa ngokwamnkela, nokuthemba u Yesu ngokupheleleyo. Musa ukuzenzela owakho omfanekiso oqingqiweyo ngaye.

Masivule amehlo wethu ukuze sibone imimangaliso yezenzo zika Thixo. Simbulele umdali wethu ngemimangaliso emingaka yendalo yakhe, kuba thina into ebhetele esinokuyenza kukuzama ukumkopa.


REFERENCES:

1 - Science News Magazine, April 5, 2008
2 - S.k. ’Flash Evaporation’, http://en.wikipedia.org/wiki/Flash_evaporation
 

"Ooqongqothwane Abamandla anobungozi: ezenzululwazi zilinganisa umfanekiso wesifafazi"
<http://www.creationism.org/xhosa/bombardier_xh.htm>

Main:  isiXhosa
www.creationism.org